UMTHETHO OYILWAYO WOKUPHUHLISA II -ARHENTE ZEMVELISO YEZOLIMO
UMPHATHISWA WESEBE LEZOLIMO
UMTHETHO OYILWAYO
Ukubonelela ngokubhalisa amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana,izichumisi-mhlaba, abasebenzi bokunqanda izinambuzane,ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, amacandelo okubulala iintsholongwane nonyango olunikezwa ngoogqirha bezilwanyana ngesizathu sokuvuselela abantu, ukhuseleko lwezilwanyana nolwezityalo,ukuvuselela imveliso yezilwanyana nendlela yokusebenza; nokuphuhlisa imveliso yezolimo nokubonelela ngemicimbi eyelele apho.
Makwenziwe umThetho yiPalamente yeRiphabliki yoMzantsi Afrika ngolu hlobo:
Iinkcazelo
Ku lo mThetho, ngaphandle kokuba ingxam ixela enye into-
Ukupapasha" ngokubhekiselele kumancedo ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso nonyango olunikwa ngoogqirha bezilwanyana kuthetha nayiphi na into ebhaliweyo, ezotyiweyo, eboniswayo okanye enye impahla echaziweyo okanye into ebhekiswe kulo naliphi na ilungu loluntu okanye kungenjalo laziswe kuluntu kwakhona enokuba okanye enjongo yayo kukuvuselela intengiso yamancedo ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso namancedo ezilwanyana okanye ukukhuthaza ukusetyenziswa kwazo, okanye kungenjalo ukutsalela umdla wamalungu oluntu kwindalo, kwizakhiwo, nakukusetyenziswa kwazo, " nokupapasha kunentsingiselo ebhekiselela apha-
amancedo ezolimo" athetha into okanye umxube wento kunye ne-arhente zendalo ezikhoyo okanye ekufuneka zisiwe kwamanye amazwe, ezenziweyo, ezikhutshiweyo ezisetyenziswe ngqo okanye ezingasetyenziswanga ngqo-
a ezimosha ,ezidengisa, ezichitha, ezithintela ukutyiswa kwe ,okanye ezinqanda 'ukuzalisa kwe okanye uhlaselo lwee, nasiphi na isinambuzane esibhekiselele kwisityalo okanye into b ukumosha izityalo c ukuphucula inzululwazi yokusebenza kwezityalo,okanye izinambuzane ukuze kulungiseke uphuhliso lwazo lwendalo, imveliso, nobunjani okanye umthamo wemveliso d ukutsala isinambuzane ngenjongo yokusilawula/ukusinqanda okanye ukusijonga e ukomeleza indawo ekuyo inayitrojini yezilwanyana;okanye f ukuphucula elinye uncedo/iyeza lezolimo kudibanise namancedo ezindlu.
Incutshe yokuhlahlela/ calu calula" ithetha umntu owabelwe ngokwemigaqo yecandelo 4 osebenza kwilebhu yamazwe avunyiweyo angaphesheya okanye ohlahlela elebhu enokuvunywa kumazwe angaphesheya;
isilwanyana" kuthetha nasiphi na isilwanyana esingenguye umntu, nokuba esinomqolo nesingenawo, kwakhona kudibanise-
a isilwanyana esincancisayo, iintaka, izinambuzane kwakhona nezinye ii-arthropoda/ izilwanyana ezifana nezigcawu, ezirhubulazayo, eziphila emhlabeni nasemanzini b idlozi, iqanda lesilwanyana okanye nayiphi na enye into ebhekiselele ngqo ekuzalweni kwakhona kwesilwanyana ukutya kwesilwanyana" kuthethwa ukutya okwamkelekileyo okanye umxube wezinto zokutya okulungiselelwe ukutyisa izilwanyana, ngaphandle kwayo nayiphi na into yokutyisa okanye umxube wezinto zokutya ngaphandle kokuba iyekiswe ngumPhathiswa ngokwendlela emiselweyo emva kokucebisana nomntu ogcina iincwadi zerejista;
umalathelwa" uthetha umntu obekwe ngumPhathiswa ngokwemigaqo yecandelo 4
i-arhente yendalo" ithetha isilo esincinci esiphilayo okanye esingaphiliyo esiveliswe kokusingqongileyo okanye kwisilwanyana ukuze silawule abantu okanye imisebenzi yendalo kwenye ifomu yobomi ethathwa njenge sinambuzane okanye isifo;
amancedo/amayeza okuncedisa akhutshwa ngoogqirha bezilwanyana" athetha nawaphi na amancedo /amayeza esilwanyana engafakwanga lawo akhoyo anobungqina bokunceda izilwanyana;
iSebe" kuthetha iSebe leZolimo leSizwe;
isalathisi" kuthetha nayiphi na imiyalelo yenkqubo okanye umsebenzi okhutshwe ngumntu ogcina iincwadi zerejista:
umntu ogcina iincwadi zerejista" uthetha i-Arhente yoPhuhlisa imVeliso yeZolimo Eyalathelwe ngumPhathiswa ngokwemigaqo yecandelo 2, kudibanise negosa elisebenza ngaphantsi eliphantsi kolawulo okanye kwegqiza okanye kokwalathiswa ngumntu ogcina iincwadi zerejista;
ukumiselwa" ngokubhekiselele kukutya kwezilwanyana, izichumiso nokutya kwezinja, kuthetha i-fektri, iindawo yokuhlala, indawo yokwakhela apho kwenziwa khona ukutya kwezilwanyana, izichumiso, nokutya kwezilwanyana, kuxutywe, kupakishwe , kubhalwe kulungiselelwa ukuba kuthengiswe;
ixesha lokuphelelwa" kuthetha ukuphelelwa lixesha elibekiweyo okanye elixeliweyo kumbhalo wenkonxa;
izinto zokutyisa" xa kubhekiswa kukutya kwezilwanyana nokwezinja kuthetha imveliso eninzi yemifuno okanye okunencasa yendalo , okutsha okunkoxiweyo kunye nemveliso esuka kumashishini okuqhuba oko, kunye nezinto eziphilayo nezingaphiliyo, nokuba zinezinto ezifakelweyo, zonke eziboniweyo ukuba zikhuselekile okokuba zingasetyenziswa ukuba kutyiswe izilwanyana ngomlomo mhlawumbi zingatyiswa ngqo okanye njengenxenye yokutya kwezilwanyana nezinja;
izichumiso" zithetha izinto eziphilayo nezingaphiliyo ezinezondli zokwakha umzimba ngokwemilinganiselo echaziweyo nezilungiselelweyo okanye ezinikelwe ukuba ziphuculwe okanye zilondoloze ukukhula kwezityalo okanye isichumiso somhlaba, zize zidibanise nomxube ochaziweyo;
Ukunyangwa kwezilwanyana ngamayeza " kuthetha naliphi na iyeza elilungisiweyo lezilwanyana ngokwemigaqo yokuLungiswa kwamayeza ngokuchazwa yinkqubo yamayeza esekelwe ngumThetho wokuFana( Law of Similars)nemizamo yokuvuselela isiqu sokukhusela ukwenyuka kwamayeza awenziwe ngokupheleleyo aneempawu ezingeniswe zizilwanyana amancedo amakhaya" athetha amancedo ezolimo asetyenziswa e- okanye ngasendlini okanye nakwezinye izakhiwo ukunqanda okukhawulezileyo" ngokubhekiselele kumancedo ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumisi, ukutya kwezilwana ezincinci okanye amancedo ezilwanyana ngokokunqanda okudibana ngqo noncedo lwezolimo, ukutya kwezilwanyana, izinto zokutyisa, izichumisi, ukutya kwezilwana ezincinci okanye amancedo ezilwanyana.
uluhlu lwezinto namaxabiso azo" kudibanisa isaziso, isaziso esihanjiswayo kunye nekhadi ukwenziwa" kudibanisa isivundisi, umxube, ukwenziwa, ukuqhuba , ukupakisha, ukupakisha kwakhona, ukulungisa nokubhala ngesizathu sokuthengisa kwakhona ukwenza nenkqubo yokwenza kunentsingiselo ebhekisele apho.
umPhathiswa " uthetha umPhathiswa kaZwelonke onoxanduva leZolimo igosa" lithetha igosa okanye umsebenzi ngokuchazwa licandelo 1 lomThetho weNkonzo yaBasebenzi.( ngokweSibhengezo senombolo 103 sowe-1994), kwakhona igosa linentsingiselo ebhekiselela apha.
isinambuzane"-
a ngokubhekiselela kwisilwanyana, sithetha isityalo, into isilwanyana, okanye kwinto yendalo ethi ichaphazele ubume bendawo, obuxabisa isilwanyana esibizwe kuqala okanye isityalo okanye loo nto; okanye b ngokubhekiselela kwindawo, ithetha isilwanyana, isityalo okanye enye into yendalo echaphazela ukusetyenziswa okanye ukonwabela loo ndawo.
umsebenzi othintela izinambuzane" uthetha umntu othi, ngokwexesha lo msebenzi wakhe okanye ngokwentlawulo , alawule amancedo ezolimo ngenxa yezizathu ezimele oko aze azibhalise.
isilwanyana esifuyiweyo" kuthetha ikati , inja okanye naso nasiphi na isilwanyana esichazwe njengesilwanyana esifuyiweyo ngokucebisana nomntu ogcina iincwadi zerejista;
Ukutya kwesilwanyana esifuyiweyo" kuthetha nakuphi na ukutya kwesilwanyana esifuyiweyo kuze kudibanise nokutya okulungiselelwe izilwanyana ezifuyiweyo ezineemfuno zezakhi-mzimba ezi zodwa, ukutya okusetyenziswa njengokunyanga nokumele ukutya.;
isityalo " sithetha nasiphina isityalo okanye ifangasi nedibanisa imbewu okanye ukusikwa kwesityalo .
ukumisela " kuthetha ukumisela ngokwemigaqo yecandelo 29
umxube omiselweyo" kuthetha , ngokubhekiselele kukutya kwesilwanyana, isichumisi, nokutya kwesinambuzane , umxube owamkelweyo okanye izinto zokuxuba ezibhalisiweyo kwicebiso elibhalwe phantsi le ngcali yezendalo, ugqirha wezilwanyana, inzululwazi yezilwanyana kwakhona kumbandela wokuxazulula ingxaki yezakhi-mzimba ezishotayo ekutyeni kwezilwanyana okanye ukungahambi kakuhle kwezinto, ukubhaliswa" ngokubhekiselele kwimveliso okanye kwisakhiwo kuthetha imveliso okanye isakhiwo ngokubhekiselela ekukhutshweni kwesatifikethi sokubhalisa kwakhona ngokubhekiselela apho ubhaliso lupheliswe khona okanye savuywavuywa kwakhona nalapho inkxaso yemali emiselweyo ithe yabhatalwa.
umgaqo" kuthetha nawuphina umgaqo osekwe phantsi kwa lomThetho ukuthengisa" kudibanisa nokuvuma ukuthengisa, ukunika, ukupapasha, ukugcina, ukuveza, ukubonisa, ukuhambisa, ukuqhuba, ukusa, okanye ukwenza usenzela ukuthengisa okanye ukutshintshisa okanye ukulahlela komnye umntu ungacingelanga nto, okanye ukuhambisa, ukuqhuba, okanye ukusa ngenjongo zokuthengisa, ukutshintsha, okanye ukulahlela njengoko sekutshiwo, kwakhona " ukuthengisa"kunentsingiselo ebhekiselele apho, kodwa izikhuphe izinto eziza kusiwa kwamanye amazwe;
ingcali" ithetha umntu owabelweyo ngumntu ogcina iincwadi zerejista ngokwemigaqo yecandelo 4;
icandelo lokukhupha/lokubulala iintsholongwana" lithetha isakhiwo esilungiselelwe ukukhupha iintsholongwane kumathambo, naziphi na ezinye izinto ezisukela ezinkomeni, amalungu osapho lwamahashe, iigusha, iibhokhwe, iihagu,iinkukhu okanye iinciniba, zayo nayiphi na iminyaka, okanye nakweziphina izilwanyana ezinemiqolo ,nezingena miqolo ezichazwe ngumPhathiswa emva kokucebisana nomntu ogcina iincwadi zerejista ngesaziso esikwi Gazethi size sizikhuphe izilwanyana ezifuyiweyo;
lo mThetho" uthetha nawuphi na umgaqo owenziwe phantsi kwecandelo 29;
amancedo /amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana"athetha into okanye umxube wezinto , kudibanisa amayeza ancedisayo ezilwanyana, namayeza anyanga izilwanyana, nazo zonke ii-arhente zendalo ezimelweyo okanye ezimele , ezisuka kwamanye amazwe , ezenziwayo, ezikhutshwayo, okanye ezisetyenziselwa uku, okanye ezifakwa kwizilwanyana , ngqo okanye zingafakwa ngqo-
a zikhusele, zinyange, okanye zicuthe izifo, okanye imeko kwisilwanyana, okanye ukuhlaselwa kwesilwanyana zizinambuzane;
b philisa okanye nciphisa intlungu eziviwa sisilwanyana;
c phucula ubume besilwanyana-
i ukuze ukwazi ukulungisa ukukhula kwaso kwendalo, imveliso , ubunjani nomthamo wayo wokukwazi ukuvelisa amathole; okanye ii ukuze ikwazi ukulawuleka;
d ukuyibulala uyiphungulela intlungu; okanye e ukuphucula imvakalelo yelinye iyeza lezilwanyana.
Isikhundla somntu ogcina iincwadi zerejista
 (a) UmPhathiswa makabele igosa isikhundla kwi Sebe lokuba ngumntu ogcina iincwadi zerejista yee-Arhente zokuPhuhlisa imVeliso yeZolimo bUmntu ogcina iincwadi zerejista lowo uza kuthi ngokulawulwa lulawulo nakukukhokelwa ngumPhathiswa, asebenzise amandla, enze umsebenzi aqhube nemisebenzi ayinikwe okanye ekufuneka eyenzile okanye ayabelweyo ngulo mThetho
Ngalo lonke ixesha umntu ogcina iiNcwadi zerejista eqwalasela umceli okanye isicelo ngokwemigaqo yalo mThetho, kufuneka athi-
a acele umceli lowo ukuba amnike ingcaciso eyongezelelweyo ebhekiselele kwisikhundla eso;
b enze naluphi na uphando oluyimfuneko okanye abuze nayiphi na imibuzo eyimfuneko malumga nesicelo okanye kumceli.; okanye c asale ,asimise okanye asamkele isicelo eso ngokulawulwa zimeko azibona zifanelekile.
(a) umntu ogcina iincwadi zerejista angasandisa isithuba sesicelo ngokulawulwa licandelwana 2(a) ngokubhala.
b isicelo sokwandiswa kwexesha masenziwe ngokubhaliweyo kuze kubonakale nezizathu zoko.
umntu ogcina iincwadi zerejista, makasebenzise icebiso lomcebisi wobuchwephesha, wekomiti okanye ingcali ,xa ecinga ngokuqwalasela ukubhalisa amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, isakhiwo sokutya kwezilwanyana, isichumiso, umiselo lezichumiso,ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, umiselo lokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, icandelo lothintelo zinambuzane, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana,
Umntu ogcina iincwadi zerejista kufuneka azise umceli ngokubhaliweyo ngaso nasiphi na isigqibo afikelela kuso, kwakhona ukuba umceli, okanye isicelo siyakhatywa okanye simiselwa omnye umhla, funeka anike izizathu zokusala nokusimisa.
a Ukuba, emva kokuba isicelo samkelwe okanye sivunyiwe, umntu ogcina iincwadi zerejista kufuneka azi ngeemeko ebezimele zivelile ngala mzuzu ebeqwalasela umceli okanye isicelo, ebezinokubangela amalele umceli okanye isicelo, anyanzelise iimeko okanye ngokufakela ezinye iimeko, unokuthi ngesaziso esibhaliweyo-
i achithe okanye avume;
ii alungise anyanzelise iimeko okanye afakele iimeko; okanye iii enze iinkqubo zokuphonononga ngokutsha b umntu ogcina iincwadi zerejista makanike izizathu ezibhaliweyo zokucima, zokulungisa okanye zokuphonononga ngokutsha
Ukwabiwa nokunikwa amagunya nemisebenzi
 umPhathiswa unokuthi ngokulawulwa zezo meko anyanzelise, abele okanye anike naliphi na igosa leSebe okanye agunyazise nawaphi na amandla emntwini, okanye umsebenzi okanye amnyanzelise phantsi kwa lo mThetho ngaphandle kwamandla okwenza ImiMiselo phantsi kwecandelo 29.
umPhathiswa akavinjwanga, nawaphi na amandla okanye akasindanga kuwo nawuphi na umsebenzi awabelweyo okanye awunikwe njengoko kuboniwe kwicandelwana 1, kwakhona angalungisa okanye abeke ecaleni nasiphi na isigqibo esithathwe ngokusetyenziswa kwamandla okanye ukwenziwa komsebenzi awabelweyo okanye awunikiweyo.
(a) umntu ogcina iincwadi zerejista ubela nabani na nawaphi na amagunya awanikiweyo okanye anike nawuphi na umsebenzi awumnyanzelisiweyo phantsi kwa lo mThetho ophantsi kolawulo lwakhe , njengegosa.
b Nasiphi na isigqibo esithathiweyo okanye umyalelo okhutshiweyo lilo naliphi na igosa elinjalo , singarhoxiswa okanye silungiswe ngumntu ogcina iincwadi zerejista, kwaye unokuthi, de sibe sirhoxisiwe, okanye silungisiwe ngokubona kufanelekile , ngaphandle kwezizathu zalo mhlathi sibe senziwe ngumntu ogcina iincwadi zerejista okanye sikhutshwe ngumntu ogcina iincwadi zerejista.
 Ngenxa yezizathu zalo mThetho, umPhathiswa unokuthi, emva kokucebisana nomntu ogcina iincwadi zerejista abele abantu umsebenzi, edibanisa namagosa njengabacebisi bobuchwephesha abaza kuthi bacebise umntu ogcina iincwadi zerejista ngokubhekiselele ekubhaliseni abaceli nakwimicimbi yobuchwephesha ebhekiselele kubo.
Ngenxa yezizathu zalo mThetho umPhathiswa unokuthi emva kokucebisana nomntu ogcina iincwadi zerejista abele abantu imisebenzi nabaselebhu njengabahlengahlengisi besampulu zamayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumisi, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo nabamayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana ekubhekiswe kubo ngu umntu ogcina iincwadi zerejista ukuze banike ingxelo ngokwendlela nefomu emiselweyo.
Ngenxa yezi zathu zalo mThetho umntu ogcina iincwadi zerejista angabela iingcali umsebenzi, iikomiti ezidibanisa amalungu eekomiti aza kucebisa umntu ogcina iincwadi zerejista ngokubhekiselele ekubhalisweni kwezicelo, imicimbi yobuchwephesha ImiMiselo nezinye izinto ezibhekiselele kubo.
a Ngenxa yezi zathu za lo mThetho umPhathiswa unokuthi ngokucebisana nomntu ogcina iincwadi zerejista , xa kungekho nto idala impixano phakathi kwabo, anike kumiselwe lo mThetho okanye amalungiselelo athile wawo kwiRephabliki iphela okanye kummandla othile,kuye nawuphi na umntu onomdla okanye onolwazi lwee arhente zokuphuhlisa imveliso yezolimo okanye kwizakhiwo zayo.
b Umsebenzi ocingiweyo kumhlathi a mawubeke elubala amandla nemisebenzi yomntu lowo uza kuwenza oza kuthi yena asebenzise amandla akhe ekwenzeni lo msebenzi ngokulawulwa sisikhokelo esivela ku umntu ogcina iincwadi zerejista c Ngokubhekiselele kumntu womThetho, kungajongwanga nanto ni na eza kuthi iphazamise omnye umThetho, xa lingekhoyo ilungiselelo elichaziweyo kulo mbandela, akwazi ukuwenza ngokuyimpumelelo lo msebenzi ucingwe kumhlathi b d Nasiphi na isigqibo esenziwe okanye umyalelo okhutshwe nguye nawuphi na umntu owabelwe umsebenzi unokurhoxiswa okanye ulungiswe ngu umntu ogcina iincwadi zerejista, kwaye kunokuthi, de ibe kanti urhoxisiwe ,okanye ulungisiwe, ngaphandle kwesizathu salo mhlathi,ibe kanti wenziwe okanye ukhutshwe ngu umntu ogcina iincwadi zerejista.
e Ngaphandle kokuba umntu ogcina iincwadi zerejista kumbandela othile ubona ngolunye uhlobo, umntu onikwe umsebenzi akanakubeka ityala kurhulumente ngokubhekiselele kwiindleko ezenzekileyo ngokumalunga nokusetyenziswa kwamandla okanye kokwenziwa komsebenzi ekuthethwa ngawo.
f Ukuba umntu lowo onikwe umsebenzi akalithobeli eli lungiselelo la lo mThetho, okanye isikhokelo asinikwe ngumntu ogcina iincwadi zerejista, umntu ogcina iincwadi zerejista angawuphelisa okanye awumise okwethutyana lo msebenzi.
a Umnconwana wemali ohlawulwe abacebisi bezochwephesha, iingcali, abahlenga-hlengisi elebhu abangengawo amagosa, okanye abangaqeshwanga ngurhulumente , mawenziwe ngokwemigaqo yenkonzo yabasebenzi bakarhulumente b Ngokulawulwa licandelwana 4b umntu onikwe umsebenzi unokuthi ngokucebisana nomntu ogcina iincwadi zerejista axele imali emayihlawulelwe ukusebenzisa kwakhe amandla akhe okanye umsebenzi awenzileyo abe ewunikwe ngokwemigaqo yalo mThetho a umPhathiswa angawurhoxisa okomzuzwana umsebenzi ocingwe kweli candelo nakwicandelo 4 ngesaziso esikwiGazethi, nesesikweyiphi na indawo, okanye kumba othile xa ukuba ngaba-
i kophulwe okanye akakwazenga ukuphumelelisa nali phina ilungiselelo lalo mThetho, okanye okwenzeke kwiRiphabliki yoMzantsi Afrika.
ii ngesicelo esibhaliweyo ukuba kwenziwe oko ngumntu ogcina iincwadi zerejista b Xa isizathu sokurhoxisa okomzuzwana siphelile, umPhathiswa angaluphelisa olo rhoxiso.
Ukuthengiswa kwee-arhente zokuphuhlisa imveliso yezolimo
Akukho mntu omakathengise amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana ngaphandle kokuba-
a abhaliswe ngaphantsi kwalo mThetho ngegama okanye ngophawu ethengiswe ngawo: Ngaphandle kokuba loo mayeza/mancedo ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, ngokubhekiselele kukuphelelwa kwexesha lawo lobhaliso., nesatifikethi sawo sobhaliso siyekisiwe ngokwemigaqo yecandelo 18 okanye siyekisiwe ngokwemigaqo yecandelo 192 ekuthe ngaphambi okanye ngomhla wolo pheliso ibingekho ngaphantsi kolawulo, lwe-, okanye ibingasekho phantsi komntu sasibhalwe ngaye isatifikethi, unokuthi ngokulawulwa ngalo malungiselelo eli candelo athengiswe.
b athe, ngokulawulwa ngamalungiselelo omhlathi c, apakishwa ngokwendlela nomthamo nobuninzi obuchaziweyo;
c inkonxa ethengiswe ngayo, ihambisana neemfuno ezichaziweyo kwaye ivaliwe yaza yabekwa igama, okanye yaphawulwa ngokwendlela echaziweyo okanye ukuba ayithengiswanga ise nkonxeni, ikhatshwa yi-invoyisi ekubhekiswe kuyo kwicandelo 7;
d ayingqokelela eyenziwe ngempumelelo echazwe kubhaliso lwesicelo, anawo amachiza, izinto eziphathekayo nezinye izinto ezichaziweyo kwaye avumelana neemfuno ezimiselweyo;
e athengiswe ngaphambi kwexesha layo lokuphelelwa oluchazwe kwigama elibhaliweyo kuyo okanye kulo nkonxa yayo;
Ukunqandwa kokufunyanwa, kokulahlwa, kwentengiso, okanye kokufumana ii arhente ezithile zokuphuhliswa kwemveliso yezolimo
 (a) Akukho mntu makafumane, alahle, athengise, ancome, okanye asebenzise amayeza ezolimo, amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana ewasebenzisela isizathu okanye ngendlela engeyiyo leyo ichazwe kumbhalo osenkonxeni yayo okanye kwinkonxa enjalo okanye ephikisana nokubhaliswa kwayo.
umPhathiswa unokuthi emva kokucebisana nomntu ogcina iincwadi zerejista ngesizathu esibhalwe kwiGazethi-
a athintele ukufunyanwa, ukulahlwa, ukuthengiswa okanye ukufunyanwa kwamayeza athile ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumisi, amancedo ezilwanyana; okanye b athintele oko kufunyanwa kunjalo, ukulahlwa, ukuthengiswa, ukufumana amayeza athile, ukutya kwezilwanyana, izichumiso okanye amancedo empilo ezilwanyana; okanye c ukusiphelisa okanye ukusilungisa isaziso esinjalo.
Naphi na ukuthintelwa okukhutshwe phantsi kwecandelwana 2 linokusebenza-
a kwiRiphabliki iphela okanye kummandla ochaziweyo omnye okanye nakwezinye indawo.
b Nakowuphi na umntu okanye abantu abasuka kwiklasi yabantu echaziweyo okanye iqela labantu okanye kubantu abangasuki kwi klasi enjalo okanye kwiqela labantu; okanye
ngokubhekiselele kubantu bonke okanye kwiiklasi ezininzi okanye kwiintlobo zamayeza ezo limo, ukutya kwezilwanyana ,izichumiso, amancedo empilo ezilwanyana
Nayiphi na imeko ekubhekiswe kuyo kwicandelwana mayingalawulwa zizithintintelo zalo naluphi na uhlobo, kwaye ezo meko zingohluka ngokubhekiselele kwimimandla , abantu iiklasi okanye amaqela abantu abohlukeneyo.
I-invoyisi efuneka kwizinto ezinkulu ezithengiswayo
Nawuphina umntu othengisa amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza okunceda izilwanyana angekho zinkonxeni, koko eziswe ngezinto ezinkulu, makanike umntu lowo uthengayo i-invoyisi eneenkcukacha ezibhekiselele kuncedo lezolimo, ukutya kwezilwanyana , izichumiso, amancedo empilo yezilwanyana ngexesha kusisiwa ezo nto, njengoko ziza kube zichaziwe.
Ukwenziwa nokuthengiswa kokutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okunezinto ezifumaneka kwimizimba yezilwanyana ezifileyo kunye netela yezasephiko/iinkuku.
 Akukho mntu uza kwenza okanye oza kuthengisa nakuphi na ukutya kwezilwanyana, izichumiso, okanye ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okunayo nantoni evela kwizilwanyana ezifileyo ngaphandle kokuba loo nto-
a iza kube ikhutshwe iintsholongwane ngendlela emiselweyo; okanye b iza, ngokulawulwa ngamalungiselelo ecandelo 9 isuka kwamanye amazwe ngokwemigaqo yepemithi ekhutshwe ngaphantsi komThetho weZifo zeZilwanyana, wowe- 1984 umThetho no.35 wowe- 1984
Akukho mntu uza kuthengisa itela yeenkuku njengokutya kwezilwanyana,izinto zokwenza ukutya, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo ngaphandle kokuba kukhutshwe iintsholongwane ngokwendlela emiselwe ngumPhathiswa.
Amayeza abalulekileyo ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso,ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana a 1 Akukho mntu makafune amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, kumazwe angaphesheya angene eMzantsi Afrika ngaphandle kokuba-
a loo mayeza ezolimo, okokutya kwezilwanyana, ezo zichumiso, okokutya kwezilwanyana okanye lo mayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana -
i abhalisiwe ngokwemigaqo yecandelo la lo mThetho iii enziwe kwakhona asebenza kakuhle ngokwendlela echazwe kwisicelo sokubhaliswa kwawo iii anawo onke amachiza, izinto ezibambekayo nezinye izinto ezichaziweyo nezihambelana neemfuno ezimiselwe ngokubhekiselele apha iv apakishwe kwinkonxa ecikiweyo, okanye enombhalo ngokwendlela emiselweyo eneenkcukacha ezichaziweyo.
b ngokubhekiselele kukutya kwezilwanyana, izichumiso, okanye ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo ezinento enemvelaphi yesilwanyana, ipemithi ekubhekiswe kuyo kwicandelo 8 ekhutshwe ngokubhekiselele apha c ngokubhekiselele ekutofweni, okususwe kwamanye amazwe ngokwemigaqo yokukhutshwa kwepemithi ngaphantsi komThetho weZifo zeZilwanyana umThetho no.35 wowe- 1984;okanye d ngokombandela wee-arhente zendalo , eziziswe apha ngokwemigaqo yepemithi ngaphantsi komThetho weZinambuzane zeZolimo wowe- 1983 Agricultural Pests Act, umThetho no. 36 wowe- 1983
Nangona amalungiselelo ecandelwana 1 umntu ogcina iincwadi zerejista unokuthi ngokusebenzisa olwakhe uluvo kwakhona kwakuyo loo meko njengoko ebona kufanelekile, avumele ngokubhaliweyo ukungeniswa kwezinto ezininzi zamayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza okunyanga izilwanyana asetyenziswa ngoogqirha angahambelaniyo neemfuno ekubhekiswe kuzo kwicandelana 1a
Amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, anokuthathwa kwamanye amazwe-
a angeniswe kuphela ngendlela yokungena emiselweyo ;
b xa athe umntu ogcina iincwadi zerejista wayalela okokuba athathe isampuli , ingakhutshwa nakweli phi na iziko elinjalo, okanye ayise ingenalo igunya elibhaliweyo ngumntu ogcina iincwadi zerejista;
c xa athe umntu ogcina iincwadi zerejista wayalela ukuba yenziwe ibekhona ukuze ihlolwe kuze kuthathwe isampuli nakweli phi na iziko okanye indawo emiselweyo kwakhona;
d ukuba isampuli ithe yathathwa, ingathengiswa kwiRiphabliki ngaphandle kwegunya elibhalwe ngumntu ogcina iincwadi zerejista kwakhona ilawulwe ziimeko ezimiselweyo.
Ukuba amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso , ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana anokuthi ngokwemigaqo yecandelo 3(b) akanakukhutshwa kwiziko lokungena okanye indawo, efunyenwe ihambisana neemfuno zalo mThetho, akuzokubhatalwa renti ngumntu lowo uhambisa ngokubhekiselele kwixesha elinokuthi zisuswe ngalo, okanye apho umntu ohambisa eza kucelwa ahambise okanye ase amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo,okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana ngokubhekiselele kwixeshana ekuthethwa ngalo, isiwe nakuwuphi na umntu ohambisa lo oda, njengoko kubonakele.
(a) Ukuba naluphi na uncedo lwezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, ebethathwe kwamanye amazwe ngokuphikisana namalungiselelo elicandelo, loo mancedo ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana aza kuthi ngokubona komntu ohambisayo-
i ngokwenkcitho yokuhambisa ezo zinto, azisuse ngokwakhe okanye yena azikhuphe kuMzantsi Afrika kwisithuba esinjalo njengoko ebona umntu ogcina iincwadi zerejista ii uRhulumente unokulahlekana nayo kwakhona imoshakale, okanye isuswe njengoko umntu ogcina iincwadi zerejista enokuyalela kwaye ukuba umntu onjalo ohambisayo akaphumeleli ukususa amancedo ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana ngokwemigaqo yamalungelo omhlathana (i) kwisithuba ekubhekiswe kuso kulo mhlathana, urhulumente uza kuphulukana nayo, kwakhona inokumoshwa okanye kungenjalo ilahlwe njengoko umntu ogcina iincwadi zerejista enokuyalela.
b naziphi na iingxeko ezenziwe ngurhulumente ngokumalunga nokuchithwa okanye ukulahlwa kwamancedo ezo limo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana ngokwemigaqo yamalungiselelo omhlathi a angaphinda afunyanwe kumntu lowo uhambisayo.
Ukupapashwa
Akukho mntu makapapashe into ezibubuxoki okanye izinto ezilahlekisayo nge- arhente yokuphuhlisa imveliso yezolimo.
Ukukhutshwa kwawo nawaphina amancedo ezolimo, ukutya kwezilwanyana, isakhiwo sokutya kwezilwanyana, izichumiso, izakhiwo zezichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, izakhiwo zokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, ekusebenzeni komThetho.
Icandelo lokubulala izifo
Akukho mntu uza kusebenzisa icandelo lokubulala izifo ngaphandle kokuba elo candelo libhalisiwe ngokwemigaqo yalo mThetho
Ukusetyenziswa kwamancedo ezolimo njengebhaso kwinkqubo yalo naluphi na urhwebo okanye ishishini.
Akukho mntu oza kuthi kuba efuna ibhaso kwinkqubo yalo naluphi na urhwebo okanye ishishini alawule naluphi na uncedo lwezolimo, ngaphandle kokuba ungumntu othintela izinambuzane obhaliswe ngokwemigaqo yalo mThetho okanye kungenjalo onokuthi kubukho okanye phantsi kolawulo lomntu othintela izinambuzane
Ukukhupha iinkcukacha ngaphambi kokukhupha amayeza ezolimo
(i) Nawuphi na umntu othi kwisicelo sobumnini okanye somntu olawula okanye onendawo yokusebenzisa nawaphina amancedo ezolimo kule ndawo ixeliweyo , unokuthi ngaphambi kokusebenzisa , azise umnikazi okanye umntu lowo nge-
a Njongo yolawulo olunjalo;
b gama elibhalisiweyo nenani lamancedo/amayeza ezolimo, asetyenziswe njalo;
c ngokuthathwa kwamanyathelo okulumkela ngaphambi, ngexesha kwakhona nasemva kokokusetyenziswa okunjalo; kwakhona d nani lesatifikethi sobhaliso, ukuba ngumsebenzi wokuthintela izinambuzane
Isaziso ekubhekiswa kuso kwicandelwana 1 siza kuthi, kumba wokusebenza emoyeni, acele kubemi abakufutshane kulo mmandla xa eza kusebenza
Isaziso ekubhekiswa kuso kwicandelwana 1 singaxelwa ngomlomo ukubangaba saziswe ngokubhaliweyo zingaphelanga iintsuku ezintathu emva koko kusebenza.
Ukunqandwa kokusetyenziswa kwezixhobo ezithile
 Ukuba umntu ogcina iincwadi zerejista unembono yokuba nasiphi na isixhobo esisetyenzisiwe ngumntu lowo ubhalisiweyo wokuthintela izinambuzane asiwulungelanga lo msebenzi unjalo wamayeza ezolimo kwaye abone ukuba lo msebenzi awuzokuhamba kakuhle, unokuthi asiyekise eso sixhobo ngokubhaliweyo.
Ukuba umntu ogcina iincwadi zerejista unombono wokuba nasiphi na isixhobo esikwisakhiwo sokwenza i-arhente yokuphuhlisa imveliso asikulungelanga ukwenza i-arhente yokuphuhlisa imveliso yezolimo, enokuthi ngokubhalwe phantsi asiyekise.
Ukubhaliswa
(i) (a) Isicelo sokubhalisa amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, isakhiwo sokutya kwezilwanyana, izichumiso, isakhiwo sezichumiso,umsebenzi wokuthintela izinambuzane, icandelo lokubulala izifo, isakhiwo sokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, namayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, makenziwe ku rejista ngokwendlela emiselweyo, aze akhatshwe ngomrhumo wesicelo omiselweyo nangamaxwebhu amiselweyo.
b Nawuphi na umntu owenza isicelo sokubhalisa ngokwemigaqo yomhlathi a makakhuphe okanye enze kufumaneke kumntu ogcina iincwadi zerejista, iisampuli neenkcukacha ngokwendlela nexesha, nendawo umntu ogcina iincwadi zerejista ayibona ifanelekile.
c Umntu ofuna ukusa kwamanye amazwe nokwenza okanye ukulahla obenze isicelo sokubhalisa imveliso, yobunzima obufanelekileyo bemveliso enjalo, ngalo mzuzu ibingekabhaliswa ngesisathu sokuthobela isicelo somntu ogcina iincwadi zerejista ngokwemigaqo yomhlathi b kwelicandelwana, uza kuvunyelwa kuze kungathiwa wophule naliphi na icandelo lalo mThetho.
Ukuba, kuthe emva kokuqwalasela nasiphi na isicelo nasemva kophando njengoko ebona kufanelekile, umntu ogcina iincwadi zerejista wanelisekile ukuba-
a amancedo ezolimo, ukutya kwezilwanyana, isakhiwo sokutya kwezilwanyana, izichumiso, umsebenzi wokuthintela izinambuzane, icandelo lokubulala izifo, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, isakhiwo sokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, namayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana ngokulawulwa kukufakwa kwesicelo sobhaliso-
i sikulungele kwaye siyifanele injongo esifunelwa yona, ii siyavumelana nezo mfuno zinokumiselwa nezesakhiwo esenzelwa ukuba kuthengiselwe kuso.
Unokuthi awabhalise loo mayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izakhiwo zokutya kwezilwanyana, izichumiso, izakhiwo zezichumiso, umsebenzi wokuthintela izinambuzane, icandelo lokubulala izifo, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, isakhiwo sokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, namayeza asetyenziswa ngoogqirha ukunceda izilwanyana b umsebenzi othintela izinambuzane enguyena wenza isicelo sobhaliso uneziqu zezifundo ezichaziweyo okanye kungenjalo, ngolo hlobo lubonwa ngumntu ogcina iincwadi zerejista, unobuchule kukusetyenziswa kwamayeza ezolimo kwaye kusemdleni woluntu ukuba lo msebenzi wothintelo zinambuzane abhaliswe, angathi ke awubhaliswanga lo msebenzi wothintelo lezinambuzane unjalo; okanye c icandelo lokubulala izifo ekulilo elenze isicelo, likufanele kwaye lisilungele isizathu sesicelo esifakelwa sona, kwaye siyavumelana neemfuno ezinjalo ezimiselweyo, kwakhona asiphikisani nomdla woluntu okokuba elo candelo lingabhaliswa, yena ke alibhalise icandelo elinjalo
Umntu ogcina iincwadi zerejista unokusala isicelo sokurejistarisha amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, isakhiwo sokutya kwezilwanyana, izichumiso, isakhiwo sezichumiso, umsebenzisi wokuthintela izifo, icandelo lokubulala izifo, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, isakhiwo sokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, kunye namayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana okuba ubhaliso oludlulileyo la mancedo anjalo, ukutya kwezilwanyana, isakhiwo sokutya kwezilwanyana, izichumiso, isakhiwo sezichumiso, umsebenzi wokuthintela izinambuzane, icandelo lokubulala izifo, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, isakhiwo sokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana sipheliswe phantsi kwecandelo 1ama 18.
Naluphi na ubhaliso ngaphantsi kwelicandelo luya kulawulwa zizo naziphi na izongezelelo ezimbini okanye ukuphononongwa ekunokufunwa ngokwemigaqo yecandelo 2 nelesi 6 kwaye luza kusebenza ixeshana limiselweyo, kwaye umntu ogcina iincwadi zerejista uza kukhupha isatifikethi sokubhalisa esikhuphela lo mntu ufaka isicelo.
Ukwala ubhaliso, ukuzinikela kwiimeko zobhaliso, okanye ukuyekiswa kobhaliso
Ukuba-
a nasiphi na isicelo sokubhaliswa ngokwemigaqo yalo mThetho siyaliwa b kubekwa iimeko phantsi kwecandelo 16 4 xa kubhaliswa; okanye c luyayekiswa naluphi na ubhaliso ngokwemigaqo yecandelo 18,
Umntu ogcina iincwadi zerejista uza kuthi ngokubhaliweyo anike umntu lowo uchaphazelekayo okanye umntu lowo ube nikwe isatifikethi, izizathu zokwalelwa kwakhe, izizathu, ukuzinikela kwezo meko okanye ukuyekisa, njengoko kubonakala.
Ukuyekiswa kokubhaliswa
 Umntu ogcina iincwadi zerejista unokuyekisa ukubhaliswa kwalo naliphi na uncedo/iyeza lezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, nangaliphi na ixesha ukuba wanelisekile -
a Ukuba umntu ngokumalunga nobhaliswa waphule okanye akakwazanga ukuthobela ilungiselelo lalo mThetho;
b Ukuba umntu waphule okanye akakwazanga ukuthobela imeko elawula ubhaliso;
c Ukuba uncedo/iyeza lwezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana ayingomxube okanye alilunganga njengoko lichazwe kwisicelo sobhaliso, ayinamachiza, onezinye izinto ezichaziweyo kwaye azihambisani neemfuno ezimiselweyo;
d Ukuba izinto ezilandelweyo namancedo akhoyo ku- okanye ngokulawulwa sisakhiwo okanye ngumsebenzi owenziwe kweso sakhiwo ayikahambelani namanyathelo amkelekileyo amazwe angaphesheya okhuseleko nobunjani bemveliso yamayeza ezolimo okanye namancedo asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana.
e Ukuba izinto ezilandelweyo namancedo akhoyo ku- okanye ngokulawulwa sisakhiwo okanye umsebenzi owenziweyo kweso sakhiwo asikulungelanga ukwenziwa okanye ukulungiselela ukutya kwezilwanyana, izichumiso, okanye ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo ekubhekiswa kuzo.
f Ukuba umntu ophethe lo msebenzi akanalwazi lwaneleyo lamalungiselelo abhekiselele kulo mThetho okanye imisebenzi eza kulandelwa kulo msebenzi unjalo;
g Ukuba ngokuphikisana nomdla woluntu angabhaliswa amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana; okanye h Ukuba nayiphi na into engekhoyo nopapasho olulahlekisayo kusetyenziswe ngokumalunga namayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana.
Umntu ogcina iincwadi zerejista angaluphelisa nanini ubhaliso lomntu othintela izinambuzane nangaliphina ixesha anelisekile okokuba-
a umsebenzi wothintelo lwezinambuzane waphule okanye akakwazanga ukuthobela ilungiselelo lalo mThetho okanye imeko yobhaliso lakhe;
b Umsebenzi othintela izinambuzane akakwazanga ukuthobela umyalelo okhutshwe ngaphantsi kwecandelo 15; okanye c akukho semdleni woluntu ukuba umsebenzi wothintelo lwezinambuzane ubhaliswe.
Umntu ogcina iincwadi zerejista angaluphelisa ubhaliso lwecandelo lokubulala izifo nangaliphina ixesha xa anelisekile okokuba-
a umntu onxulumene nobhaliso ekuthethwa ngalo waphule okanye akakwazanga ukuthobela ilungiselelo lalo mThetho;
b umntu waphule okanye akakwazanga ukuthobela imeko elawula olo bhaliso;
c icandelo lokubulala izifo alizithobelanga iimeko ezimiselweyo okanye kungenjalo ayinazixhobo zisebenza kakuhle ekubulaleni izifo ekubhekiswa kuzo kwinkcazelo "yecandelo lokubulala izifo"; okanye d ayikho semdleni woluntu into yokuba icandelo lokubulala izifo lihlale libhalisiwe.
Umntu ogcina iincwadi zerejista angaluphelisa ubhaliso lwaso nasiphina isakhiwo sokutya kwezilwanyana, isakhiwo sezichumiso okanye isakhiwo sokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo nangaliphi na ixesha xa anelisekile okokuba-
a umntu onxulumene nobhaliso ekuthethwa ngalo waphule okanye akakwazanga ukuthobela ilungiselelo lalo mThetho;
b umntu waphule okanye akakwazanga ukuthobela imeko elawula ubhaliso ekuthethwa ngalo;
c isakhiwo sokutya kwezilwanyana, isakhiwo sezichumiso, okanye isakhiwo sokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo asizithobeli iimeko ezimiselweyo; okanye d iyaphikisana nomdla woluntu into yokokuba isakhiwo sokutya kwezilwanyana, isakhiwo sezichumiso, okanye isakhiwo sokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo sihlale sibhalisiwe.
Ukufumaneka, ukuphelelwa, ukubuyiswa kwesatifikethi sobhaliso
 Umntu lowo isatifikethi sobhaliso sikhutshwe ngaye ngokwemigaqo yecandelo 16 uya kuthi-
a ngokubhekiselele kumancedo/kumayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, isakhiwo sokutya kwezilwanyana, izichumiso, isakhiwo sezichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, isakhiwo sokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amancedo asetyenziswa ngoogqirha enze isatifikethi, okanye enze kubekho ikopi eza kuthi ihlolwe ngumntu ogcina iincwadi zerejista ngawo onke amaxesha afanelekileyo kwisakhiwo apho kulungiswa khona amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana; okanye b ngokubhekiselele kumsebenzi wothintelo lwezinambuzane okanye icandelo lokubulala izifo, aveze isatifikethi sobhaliso okanye aveze ikopi xa ifunwa ngumntu ogcina iincwadi zerejista.
Ubhaliso lwawo nawaphi na amancedo/ amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana nezatifikethi zobhaliso ezikhutshwe ngokubhekiselele kubhaliso olunjalo zinokuthi ziphelelwe-
a ukuba umntu esikhutshwe ngaye isatifikethi sobhaliso uyayeka ukugcina amancedo/ amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, namayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana ekuthethwa ngawo;okanye b ukuba isakhiwo ekuthethwa ngaso asisasetyenziselwa ukwenza amayeza/ amancedo anjalo ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana
UBhaliso lwawo nawuphina umsebenzi wothintelo lwezinambuzane nokukhutshwa kwesatifikethi sobhaliso sikhutshelwa ubhaliso olunjalo luza kuphelelwa ukuba loo mntu ubhalisileyo uyayeka ukulondoloza ubhaliso lwakhe.
Ubhaliso lwecandelo lokubulala izifo kunye nesatifikethi sobhaliso esikhutshiweyo siza kuphelelwa ukuba ubhaliso lwelo candelo aluhoywanga.
Ubhaliso lwaso nasiphina isakhiwo sokutya kwezilwanyana, isakhiwo sezichumiso, okanye isakhiwo sokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, nesatifikethi esikhutshwelwe ubhaliso olunjalo luza kuthi luphele ukuba olo bhaliso aluhoyekanga.
Ukuba ubhaliso lwamancedo/ amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, isakhiwo sokutya kwezilwanyana, izichumiso, isakhiwo sezichumiso, umsebenzi wothintelo lwezinambuzane, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, isakhiwo sokutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, icandelo lokubulala izifo, okanye amayeza/ amancedo asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, iye yaphelelwa ngokwemigaqo yecandelwana 2 okanye 3 okanye iphelisiwe ngokwemigaqo yecandelo 18, siya kuthi isatifikethi ekuthethwa ngaso ngakwixesha elithile elibekiweyo, sibuyiselwe kumntu ogcina iincwadi zerejista ngumntu lowo besikhutshelwe kuye.
Umntu one arhente yokuphuhlisa imveliso yezolimo okanye onesakhiwo esiphelelwe ngokwemigaqo yecandelo 18 unokuphinda afake isicelo kwakhona ngokwemigaqo yecandelo 16a
Ukubhena ngakwisigqibo esithathwe ngumntu ogcina iincwadi zerejista
 Nawuphina umntu oziva engonwabanga sisigqibo esithathwe ngumntu ogcina iincwadi zerejista unokubhena ngakweso sigqibo kumPhathiswa.
Isibheno ekubhekiswa kuso kwicandelwana 1 masenziwe ngokwendlela emiselweyo ngokwesithuba esimiselweyo, kubhatalwe nemali emiselwe oko.
UmPhathiswa unokonyula ilungu elinye lekomiti okanye amalungu angaphezulu kwesinye ukuze aphande anike nengxelo ngeso sibheno.
Umntu ogcina iincwadi zerejista nomntu lowo wenza isibheno banokuya kumntu lowo wenza olo phando okanye bacelwe baye kulo mntu kubhekiswa kuye kwicandelwana 3, ukuze bakwazi ukuviwa okanye babuzwe imibuzo kwaye banganalo negqwetha.
Ukuba umPhathiswa ubeke ecaleni isigqibo, esibhekisa kwisibheno, okanye ukusilungisa ungakwicala lo mntu lowo ubhenileyo, imali yentlawulo ekubhekiswa kuyo kwicandelwana 2 mayibuyiselwe kuloo mntu
UmPhathiswa unokuthi emva kokuqwalasela loo ngxelo namanye amaxwebhu abhekisela kwisibheno avume, abeke ecaleni okanye alungise isigqibo, okanye akhuphe umyalelo onxulumene apho.
Ilungu lekomiti ekubhekiswa kulo kwicandelwana 3 elingaqeshwanga ngokupheleleyo ngurhulumente kufuneka libhatalwe eso sibonelelo asibona umPhathiswa sifanelekile edibene nomPhathiswa wezeMali.
 Umntu ogcina iincwadi zerejista okanye nabani na umntu amnike igunya ngokubhaliweyo, ngokulawulwa leli candelo, ngamaxesha onke afanelekileyo ngexesha lasemini, ngeeyure zomsebenzi, efama, nakwivenkile zasefama, nangezizathu zokwenza uhlolo, ukwenza isampuli, nophando, ngaphamdle kwe waranti-
a angene aze ahlole, iindawo, okanye izithuthi xa ecinga okanye erhanela ukuba kuzo kwenziwe, kwaqhutywa, wanyangwa, kwalungiswa, kwacalulwa,kwagreyidwa, kwapakishwa, kwabhalwa, kwabekwa ileyibhile, kwagcinwa, kwafakwa kwiibhotile, kwasuswa, kwahanjiswa, kwaboniswa, kwathengiswa, okanye kwasetyenziswa amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amancedo/amayeza asetyenziswa ngoogqirha, okanye izinto ezenziwe ngazo;
b ahlole zonke iincwadi namaxwebhu a- okanye nakweyiphi na indawo, okanye isithuthi ekubhekiswe kuso kumhlathi a athe okanye anezizathu ezibambekayo zokukholelwa okokuba zibhekisela kumancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, aze enze neekopi okanye amaphepha akhutshwe kwiincwadi okanye amaxwebhu anjalo;
c Ahlole nayiphi na imisebenzi eyenziwe kuyo nayiphi na indawo ekubhekiswe kuyo kumhlathi a ngokunxulumene nokwenziwa, ukuqhutywa, ukunyangwa, ukulungiselelwa, ukugreyidwa, ukucalulwa, ukupakishwa, ukubhalwa, ukunikwa ileyibhile, ukugcinwa, ukufakwa ezibhotileni, ukususwa, ukufakwa kwizithuthi, ukuthengiswa okanye ukusebenzisa nawaphi na amancedo/ amayeza, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amancedo/amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana aze afune kulo mntu uphethe loo misebenzi, okanye ezo nkqubo, okanye umnini okanye umntu ogcina amayeza/ amancedo ezo limo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amancedo/amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana okanye imixube yoko, naluphi na ulwazi okanye ingcaciso ebhekiselele kuwo nawuphi na umsebenzi okanye iinkqubo, okanye amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amancedo/amayeza asetyenziswa ngoogqirha okanye imixube yoko;
d Afune kumnikazi okanye kuye nawuphina umntu ogcina nayiphi na incwadi okanye amaxwebhu ekubhekiswa kuwo kumhlathi b inkcazelo enxulumene nayo nayiphi na i rekhodi okanye ingeniso apho;
e Ahlole aze athathe nayiphi na incwadi, uxwebhu, amancedo/amayeza, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amancedo/amayeza anokuthi anike ubungqina betyala ngokwemigaqo yalo mThetho, okanye ubuninzi bawo nawaphina amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amancedo/amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana apho kukho izizathu ezivakalayo zalo naliphi na ityala elikhoyo, nelithe lasuswa, okanye likwindawo, okanye kwisithuthi ekuthethwa ngaso, nakweyiphina incwadi, uxwebhu, amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amancedo/amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana okanye ubuninzi ngoko, obuthe bafunyanwa, aze athi ngokusebenzisa ingqiqo yakhe afake kulo ncwadi, kolo xwebhu, kulo mancedo/mayeza ezolimo, koko kutya kwezilwanyana kwezo zichumiso, koko kutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye kulo mancedo/mayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, okanye kulo nkonxa uphawu olunjalo okanye into evalayo njengoko ebona kufanelekile;
f athathe iisampuli okanye abangele kuthathwe iisampuli zawo nawaphina amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana zasekhaya, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana okanye umxube wawo ngoko, aze avule nayiphi na inkonxa okanye arhanela ukuba inayo nantoni esetyenziswa okanye emele kukusetyenziselwa ukwenziwa, ukunyanga, ukulungiselela, ukugreyida, ukucalucalula, ukupakisha, ukubhala, ukwenza ileyibhile, ukugcina, ukususa, ukuhambisa ngesithuthi,ukubonisa, okanye ukuthengisa uncedo/iyeza kwezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, aphinde ahlole ahlahle, agreyide, okanye acalule ezo sampuli, okanye abangele kuhlolwe, kuhlahlwe kugreyidwe okanye kucalucalulwe.
Ngenxa yezizathu zesi sicelo selicandelo necandelo lama 22-
a umPhathiswa angathi, ngamacebiso womntu ogcina iincwadi zerejista, aqeshe nawuphi na umntu ambona efanelekile abe ngumphandi;
b umPhathiswa athi kwifomu emiselweyo, akhuphe uxwebhu lesazisi elinentsayino yakhe kumntu ngamnye oqeshiweyo, eza kuthi isebenze njengesiqinisekiso sokuba lo mntu ungumphandi;
c umPhathiswa unokuthi ngamacebiso womntu ogcina iincwadi zerejista aphelise lo ngqesho ekubhekiswa kuyo kwicandelwana xa efumana ingcaciso emenza akholelwe ekubeni ukuqhubekeka nalo ngqesho yaloo mntu kuthethwa ngaye ayikho ndleni yoluntu, okanye loo mntu lowo angasebenza ngendlela engahambisaniyo nenjongo zalo mThetho.
d ukuba loo ngqesho kubhekiswa kuyo kwelicandelo iphelisiwe, umhloli ekubhekiswa kuye uya kuyeka kwesi sikhundla ngoko nangoko.
Xa umntu ogcina iincwadi zerejista okanye nabani na ogunyaziswe nguye ngokubhaliweyo wenza olo hlolo ngokwemigaqo yecandelwana 1 kubukho bakhe nawuphi na umntu ochaphazekileyo, okanye kufuneka kuqala avelise isigunyaziso esibhaliweyo kulo mntu unjalo.
Naluphi na ungeniso, uphando, uhlolo nokuthathwa kwesampuli ngokwemigaqo yecandelwana 1 lwakwenziwa ngemini ngaphandle kokuba ubusuku bufanelekile, kwaye nomntu lowo ogunyazisayo ngokwecandelo 1 kuza kufuneka azazise ngokwesicelo salo mntu uchaphazelekayo okanye umntu olawula lo ndawo, isakhiwo, okanye isithuthi.
Nayiphi na isampuli ethathwe ngokwemigaqo yecandelwana 1 f iza ku-
b kuthathwa ekhona umnini okanye umntu ogcina amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyna ezifuyiweyo, amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, okanye umxube wazo, okanye, ukuba umnini okanye akukho mntu, yenziwe kubukho bengqina.
c xa ekhona ke umnikazi okanye umntu, okanye elo ngqina , ohlulwe abe zinxenye ezintathu, kwaye inxenye nganye iza kupakishwa kwinkonxa efanelekileyo ize ivalwe ngetywina elineleyibheli okanye elibhaliweyo njengoko indalo ivuma, ukuze lo sampuli ifundeke lula.
Umntu ogcina iincwadi zerejista okanye nawuphi na umntu ogunyaziswe nguye ngokubhaliweyo unokuthi ngegunya le waranti nangesizathu sesicelo seli candelo nangaliphi na ixesha elifanelekileyo athi ngaphandle kwesizathu okanye ngeso saziso okanye xa ebona kufanelekile nangaliphi na ixesha-
a angene aze ahlole nayiphi na indawo okanye xa ekholelwa ukuba kwi- okanye kuyo kwenziwe, kwaqhutywa, kwanyangwa, kwalungiswa, kwa greyidwa, kwacalulwa, kwapakishwa, kwabhalwa okanye kwafakwa ileyibhile, kwagcinwa, kwafakwa kwisithuthi, kwaboniswa, kwathengiswa okanye kwasetyenziswa nawaphi na amayeza wezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana okanye imixube ebhekiselele apho;
b enze naluphi na uhlolo okanye uphando alubona lufanelekile ngesizathu salo mThetho;
c athathe nayiphi na imveliso, into, okanye incwadi okanye uxwebhu okanye nantoni na kwi okanye endaweni okanye kwisithuthi esichaphazelekayo okanye esinokuchaphazeleka kuhlolo, okanye kuphando ngakukukhutshwa kwerisithi ikhutshelwa ukuhlolwa, okanye uphando; kwakhona d kwenziwe iikopi ze okanye kukrazulwe iphepha encwadini, okanye kuxwebhu, okanye kuthathwe isampuli yayo nayiphi na imveliso, into efunyanwe endaweni, endlini okanye kwisithuthi esine- okanye esirhanelekayo kolo hlolo okanye kolo phando.
Indawo, izindlu, ifama, istora, isakhiwo nesithuthi ekubhekiswa kuzo zingangenwa qha, nemiba ekubhekiswe kuyo inokwenziwa xa kukhutshwe iwaranti kwi-ofisi zakwamantyi, kwi-ofisi kamantyi wengingqi, okanye ijaji yommandla , okanye ummandla okwindawo, izindlu, ifama, istora, isakhiwo okanye isithuthi apho nawaphi na amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, enza okanye enziwa, axutywa aqhutywa, anyangwa, alungiswa, agreyidwa, acalulwa, apakishwa kwakhona, abhalwa, afakwa ileyibhile, agcinwa, afakwa ebhotileni, asuswa, afakwa kwisithuthi, aboniswa, apakishwa, apakishwa kwakhona, athengiswa okanye asetyenziswa kwaye angakhutshwa kuphela xa ujaji ebona kwingcaciso ekhoyo okanye umantyi ekholelwa ukuba kukho izizathu ezibambekayo zokuba nawaphi na amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana okanye anokwenziwa, axutywe, aqhutywe, anyangwe, alungiswe, agreyidwe, acalu calulwe, apakishwa, apakishwa kwakhona abhalwe, afakwe ileyibhile, agcinwe, afakwe kwisithuthi, aboniswe, aze, okanye, ze, okanye aza kwenziwa axutywe, aqhutywe, anyangwe, alungiswe, agreyidwe, acalucalulwe, apakishwe, aphinde apakishwe, abhalwe, iafakwe ileyibhile, agcinwe, afakwe ezibhotileni, asuswe, afakwe kwizithuthi, aboniswe, athengiswe, okanye asetyenziswe aze umntu ogcina iincwadi zerejista afune iwaranti eza kuchaza amagunya acingwe kwicandelo 2010 anokusetyenziswa: Ukubangaba loo waranti leyo inokukhutshwa yijaji ngokumalunga nezindlu, ekomnye ummandla xa ebona kufanelekile.
Iwaranti ingakhutshwa ngokwemigaqo yelicandelo nangaluphi na usuku kwaye iza kubakho de-
a Isebenze;
b iyekiswe yijaji okanye ngumantyi oyikhuphileyo, ukuba akafumaneki nayeyiphi na ijaji, okanye nangowuphi na umantyi onalo magunya;
c iphelelwe emva kwenyanga ikhutshiwe;okanye d isizathu ebikhutshelwa sona, asisekho, nanjalo nayiphi na eyenzeke kuqala
Iwaranti ekhutshwe ngokwemigaqo yelicandelo inokwenziwa ngemini qha, ngaphandle kokuba lo mntu okhuphe lo waranti ugunyazisa ukusetyenziswa ngobusuku ngexesha alibona lifanelekile kuye, nokungeniswa, okanye kuphando laye nawuphi na umntu, mayenziwe ngqingqwa nangocwangco, kudibanise-
a ilungelo lo mntu, imbeko nokhuselo lwesidima sakhe b ilungelo lo mntu kwinkululeko, kukhuseleko ; kwakhona c kwilungelo lo mntu kubomi bakhe babucala.
Nawuphi na umntu esebenza ngokwegunya le waranti ngokwemigaqo yelicandelo makathi ngoko nangoko ngaphambi kokuqalisa ngokusebenza a-
a zazise okanye kumntu lowo olawula lo ndawo, eso sakhiwo, okanye eso sithuthi ekuza kungenwa kuso, ukuba umntu waso ukhona aze anike lo mntu ikopi yewaranti, kodwa ukuba umntu lowo akakho unokuyincamathisela iwaranti kwindawo aza kuthi ayibone, okanye kwisakhiwo okanye kwisithuthi;
b nike umntu lowo ngokwesicelo sakhe iinkcukacha ezibhekisela kwisigunyaziso sokukhupha lo waranti enjalo kumntu ogcina iincwadi zerejista.
a Umntu ogcina iincwadi zerejista okanye nabani na ocingwe kwicandelwana 1 unokungena akhangele nayiphi na indawo, isakhiwo, okanye isithuthi, okanye asetshe nawuphi na umntu, ukuba uyifunile imvume yokungena kwakhona uyixelile into ayingenelayo.
a Nawuphi na umntu osebenza ngesigunyaziso salo waranti ngokwemigaqo yeli candelo unokungena ngenkani kulo ndawo, kwezo zindlu, kulo fama, kweso sitora, kweso sakhiwo, okanye kweso sithuthi ukuba akavunyelwa ukuba angene, kudibanise nokophula naluphi na ucango, okanye ifestile, yalo ndawo, yalo ndlu, yalo fama, yeso sitora, yeso sakhiwo, okanye eso sithuthi: Ukubangaba loo mntu lowo ufune imvume kuqala yokungena kulo ndawo, kulo ndlu, kulo fama, kweso sitora, kweso sakhiwo okanye kweso sithuthi aze axele isizathu sokuba afune ukungena kulo ndawo, kulo ndlu, kulo fama, kweso sotora, kweso sakhiwo, okanye kweso sithuthi.
c Ilungiselelo lomhlathi a alizokusebenza apho umntu ohambisa iwaranti ngokwemigaqo yelicandelo unezizathu ezibambekayo zokokuba naliphi na iyeza lezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, incwadi, okanye uxwebhu elisisihloko sosetsho linokumoshwa, lilahleke ukuba akuvunywanga ukuba kungenwe neso sizathu sazisiwe.
Ukuba, kuthe ngexesha lokukhutshwa kwale waranti ngokwemigaqo yeli candelo, umntu uye wathi naziphi na iimpahla, uxwebhu, incwadi okanye into efunyenwe kwindawo, kwisakhiwo, okanye kwisithuthi ekuthethwa ngaso sinengcaciso ebalulekileyo waze akavuma ukuba kuhlolwe okanye kususwe, umntu okhupha lo waranti ngokwemigaqo yelicandela unoluvo lokuba iimpahla, uxwebhu, incwadi, okanye into ikulungele kwaye ifanele ukuba mayiphandelwe nasiphi na isikhalazo, okanye kurhanelwa ukwenziwa, ukuxutywa, ukuqhutywa, ukunyangwa, ukulungiselelwa, ukugreyidwa, ukucalucalulwa, ukupakishwa, ukupakishwa kabini, ukubhalwa, ukufakwa ileyibhile, ukugcinwa, ukususwa, ukuhanjiswa ngesithuthi, ukuboniswa, ukuthengiswa, okanye ukusetyenzwa kungakulungelanga kuphinde kukufanele ukuphandwa kwaso nasiphi na isikhalazo, makacele umntu ogcina iincwadi zerejista weNkundla ephakamileyo, onelungelo lasemthethweni okanye elikasekela mntu ogcina iincwadi zerejista, ukuxutha nokususa ezo mpahla, loo maxwebhu, ezo ncwadi, okanye amanqakwana aza kugcinwa kakuhle yinkundla yamatyala evumayo ukuba loo ngcaciso ibalulekile.
Imfihlelo
Nawuphi na umntu odiza, ngaphandle komPhathiswa, kuye nawuphi na omnye umntu ngenjongo zokwenza umsebenzi okanye ukwenza ezo mfanelo ngaphantsi kwalo mThetho, okanye xa kufuneka enze oko yinkundla okanye ngaphantsi kwawo nawuphi na umThetho, okanye xa kuyimfanelo ngokuthobela umThetho weNkuthazo wokuFikelela kwiNgcaciso wowe- 2000(umThetho no. 2 wowe- 2000) osebenza nokukwazi ukufikelela kwingcaciso, nayiphi na ingcaciso ayifumene ngexesha esebenza nawuphi na umsebenzi ongaphantsi kwalo mThetho, ngokubhekiselele kwishishini okanye imicimbi yawo nawuphi na umntu ofunyenwe enetyala kwaye kufuneke ehlawule ifayini okanye ahlale entolongweni.
Amatyala nezohlwayo
 Nawuphi na umntu o-
b thintela nonqanda umntu ogcina iincwadi zerejista okanye nawuphi na umntu ogunyazisiweyo ngokwemigaqo yamacandelo 21 no 22, nawuphi na umcebisi wobuchwephesha okanye umcaluli osebenzisa amagunya okanye esenza umsebenzi wakhe ngaphantsi kwalo mThetho;
c ngakwazanga ukunika ingxelo okanye ingcaciso ekufuneka eyinikile kumntu ogcina iincwadi zerejista okanye nawuphi na omnye umntu ogunyaziswe nguye xa esebenzisa amagunya okanye esenza umsebenzi wakhe ngaphantsi kwalo mThetho.
d engakwazi ukuthobela umyalelo okhutshwe ngokwemigaqo yecandelo 15
e phikisana okanye ongakwaziyo ukuthobela amalungiselelo amacandelo 5,8,9,12, okanye u-14 okanye nayiphi na imeko ecingwe kumacandelo 92, 93 d okanye 16 4;
f afumane, alahle, okanye athengise okanye asebenzise amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha, aphikisana nothintelo olokhutshwe ngaphantsi kwecandelo 6;
g aphazamisane nayo nayiphi na isampuli ethathwe ngokwemigaqo yalo mThetho, okanye nayo nayiphi na into exuthwe ngokwemigaqo yalo mThetho;
h asebenzise isatifikethi, invoyisi okanye olunye uxwebhu elikhutshwe ngokumalunga namayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha aphelelwe lixesha;
j Xa athe wacelwa ngokwemigaqo yamacandelo 21 no 22 ukuba anike ingcaciso okanye achaze into ebhekiselele kwimibandela anolwazi ngayo, aze ale okanye angavumi ukunikeza ngalo ngcaciso okanye achaze, anike ingcaciso ebubuxoki okanye achaze into engekhoyo, okanye anike ingxelo engekhoyo okanye elahlekisayo, ngokubhekiselele kumayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana -
i kuso nasiphi na isicelo sobhaliso;
j kuyo nayiphi na i-invoyisi ekhutshwe ngokwemigaqo yecandelo 7;
v kwisicelo sepemithi ekubhekiswa kuso kwicandelo 920;
vi kwisaziso ekubhekiswa kuso kwicandelo 14;
j kuthengiswe nawaphi na amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha, kwinkonxa ekubhalwe kuyo izinto ezingekhoyo, okanye ezilahlekisayo;
k kuthengiswe amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo,okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, ebezingelo hlobo, umxube, zingenamandla , okanye ubunjani obuchazwe ngexesha zithengiswa;
l athi ebiziwe ngokwemigaqo yecandelo 20 4 a ukuba aye kwikomiti, angakwazi ukuya engenaso nesizathu esivakalayo sokwenza oko;
m athi ebiziwe ukuba ayokuba lingqina kulo komiti, angavumi engenaso isizathu esivakalayo ukufungiswa, okanye ukuveza naluphi na uxwebhu okanye ukuphendula nawuphi na umbuzo ekufuneka ewuphendule ngokusemthethweni;
n angakwazi ukuthobela amalungiselelo ecandelo 19 1, 5 okanye 6; okanye o angakwazi ukuthobela amalungiselelo ecandelo 10;
uza kufunyanwa enetyala ukuze aze ahlawule-
i xa athe waphula imihlathi a, b, c ,n okanye noo afumane isohlwayo sokubhatala imali okanye ahlale etrongweni iminyaka engadlulanga kwisibini kwakhona ii xa athe waphula imihlathi d, e, f, g ,h, i, j,k, l [kwakunye] okanye um ahlawule okanye ahlale etrongweni iminyaka engagqithanga kwemihlanu..
Inkundla xa igweba nawuphi na umntu kweli tyala ngaphantsi kwalo mThetho, unokuthi, xa icelwe ngumtshutshisi woluntu, kudibene nasiphi na isohlwayo esikhutshwe ngokwelityala, ukwenzela ukuba amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amayeza/ amancedo asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana ngokubhekiselele ekubanjweni kwalo mntu kwaye lo mntu engumnini, okanye zikuye, zibuyiselwe kurhulumente.
Zonke izichumiso, ukutya kwezilwanyana, amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana ezilahleke ngaphantsi kwalo mThetho, zimoshwe okanye kungenjalo umntu ogcina iincwadi zerejista enze loo nto abona ukuba ifanelekile.
Amandla asemthethweni enkundla zikamantyi
Ngaphandle kwayo nayiphi na into ephazamisana, nento equlathwe kuwo nawuphi na omnye umThetho, inkundla kamantyi inokuba namandla asemthethweni okuwisa nasiphi na isigwebo esikhoyo Kulo mThetho.
Ukhuselo olulodwa kumatyala okutshutshisa
Kufuneka ibe lukhuselo olwanelisayo ukuze umntu abekwe ityala lokuthengisa nawaphi na amancedo/amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo ngokwaphula icandelo 5 ukuba uyayanelisa inkundla -
a okokuba uthengisa loo mancedo/mayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana ngegama elibhalisiweyo okanye aneempawu ezifanayo ngandlela zonke nezozinto athi uyazithengisa b okokuba akanasizathu sakukholelwa okokuba ngexesha ebethengisa bezingohlukanga kwezo zinto ebezithengisa;
c okokuba uyithengise ngenkonxa ibikuyo kuqala kwaye ikuhlobo ebeyithengise ikulo; kwakhona d okokuba inkonxa ihambisana neemfuno ezimiselweyo kwaye ibitywiniwe yafakwa ileyibhile, okanye yafakwa uphawu ngokwendlela emiselweyo neenkcukacha ezimiselweyo.
ImiThetho eyenziwa nezinto ezishiywe ngumlawuli, i-arhente okanye umsebenzi.
 Xa athe nawuphi na umlawuli, i-arhente, okanye umsebenzi wokwenza, wokuhambisa, okanye umnikazi wamancedo/wamayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana akayenzanga nantoni na eza kuba lityala ngaphantsi kwalo mThetho kulo menzi, mhambisi, okanye kumnikazi , ngaphandle kokuba kuvunyiwe ukuba-
a ngokwenza okanye ukungayenzi lo nto umlawuli, i-arhente okanye umsebenzi ubesebenza engenayo imvume yalo mntu wenzayo, uhambisa okanye umnikazi;
b amanyathelo avakalayo ebethathiwe ngumenzi, ngumhambisi, okanye umnikazi ukunqanda nasiphi na isenzo ekuthethwa ngaso; kwakhona c ibingekho ngaphantsi kwayo nayiphi na imeko okanye naziphi na iindlela ezikwigunya okanye kwindlela yengqesho yomlawuli, i-arhente, okanye umsebenzi, enze okanye angenzi nantoni nokuba isemthethweni okanye ayikho semthethweni,.
womenzi lowo, umhambisi okanye umsebenzi, njengoko ebona kufanelekile, nokucingwa ukuba akasenzanga eso senzo, aze afumaneke enetyala aze agwetywe ngokubhekiselele apho, kwakhona nento yokuba ekhuphe imiyalelo enqanda eso senzo, okanye olo shiyo lwento ekuthethwa ngayo akazi kuyamkela, ayizokwamkelwa njengobungqina obaneleyo bokuba uthathe onke amanyathelo avakalayo okuthintela eso senzo okanye olo shiyo.
Ngalo lonke ixesha nawuphi na umlawuli, i-arhente, okanye umsebenzi salo menzi unjalo, umhambisi, umnikazi esenza okanye engenzi nto eza kuba lityala ngaphantsi kwa lo mThetho kumenzi, kumhambisi, okanye umnikazi wokwenza, wokungenzi uza kuba netyala lokwenza aze agwetywe ngokubhekiselele apha ngokungathi nguye umenzi, umhambisi okanye umnikazi
Nawuphina umlawuli onjalo, i-arhente okanye umsebenzi, angafunyanwa enetyala aze agwetywe edibanisa nomenzi, umhambisi, okanye umnikazi.
Inkqubo nobungqina
(i) Nakweyiphi na inkqubo yobugwinta/ yobugebenga ngaphantsi kwalo mThetho-
a nabuphi na ubungakanani bamayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, kwi, okanye kwizindlu, kwindawo, kwiveseli, okanye kwisithuthi ngexesha ekuthathwa ngalo isampuli ngokulandela amalungiselelo alo mThetho, buza kuthi ngaphandle kokuba ukuba kuyaphikwa kufunyaniswe kulingana nokwakhiwa kwayo, enomsebenzi okwizinga eliphezulu kwaye inazo zonke izinto ezifunekayo ezifana nezo zesampulu b nawuphi na umntu ekufunyaniswe ukuba ubekhe waziphatha phatha ezo sampuli uza kuthathwa njengomntu owenze into engekho mthethweni
Kuza kwamkelwa nasiphi na isatifikethi esichaza iziphumo zokucalulwa okanye uvavanyo oluqhutywe kulandelwa amalungiselelo ecandelo 21 kwakhona ekuvakala ukuba isayinwe ngumcaluli owenza olo calulo okanye olo vavanyo .
c nayiphi na ingxelo, okanye into engeniswe encwadini okanye kuxwebhu olugcinwa nguye nawuphi na umenzi, umhambisi kwamanye amazwe, okanye umnikazi wamayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana eyenziwe ngumlawuli, i-arhente, okanye umsebenzi womntu onjalo, okanye ufunyenwe kwi okanye kwindlu ehlala u okanye nasiphi na isithuthi esisetyenziswa eshishinini lo mntu onjalo iyakwamkelwa ngaphandle kokuba obo bungqina, loo ngxelo nolo ngeniso alukhange lwenziwe ngumntu onjalo, okanye nguye nawuphi na umlawuli, i-arhente, okanye umsebenzi, womntu onjalo ngexesha esebenza njengomlawuli, njenge-arhente okanye esengqeshweni.
Akukho kutshutshiswa kuza kwenziwa ngenxa yengxelo zomcaluli, uvavanyo olwenziwe ngokwemigaqo yamacandelo 9 okanye 20, ngaphandle kokuba lo kopi yesatifikethi somcaluli ibesihanjiswe iintsuku ngaphambi kokukhutshwa koko kutshutshiswa komntu onetyala.
ImiMiselo
 UmPhathiswa, angathi emva kokucebisana nomntu ogcina iincwadi zerejista enze Imimiselo-
a ebhekiselele kwindlela apho amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, isakhiwo sokutya kwezilwanyana, izichumiso, izakhiwo zezi chumiso, abasebenzi bokuthintela izinambuzane, amacandelo okubulala izifo, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, izakhiwo zokutya kwezilwanyana, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, angabhaliswa, olo bhaliso lungaphinda lwenziwe, lulungiswe, okanye kukhutshwe ingcaciso kuze kubhatalwe nemali yokwenza isicelo sobhaliso, sokulungiswa, sokuhlola kwakhona nokugcina olo bhaliso.
b ebhekiselele kukuchazwa nakwiimeko zokubhalisa nantoni na into, esiwa kwamanye amazwe okanye ithengiswe njengeyeza lezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana negama elithile okanye uphawu.
c ngokubhekiselela kukuhlolwa kwakhona kweenkqubo zokuphuhliswa kwemveliso yezolimo, nezakhiwo; ukuqinisekisa ukuba imveliso ebhalisiweyo ngokwale ngcaciso intsha ihambelana neemfuno zecandelo 16 2 a;
d ngokubhekiselela kwindlela ethi nexesha emaliqatshelwe ngalo ixesha lokubhena nelotshutshiso ngaphantsi kwecandelo 20;
e ngokubhekiselela kwiinkcukacha emazibekwe ngaphambili kuyo nayiphi na i-invoyisi ngaphantsi kwecandelo 7;
f ngokubhekiselela kukuxutywa, kokusebenza kakuhle, kwamachiza, okanye enye impahla efunekayo ngokumalunga nayo nayiphi na enye into, ukwenzela ukuba isiwe kwamanye amazwe, ithengiswe, okanye ibhaliswe njengeyeza lezo limo, ukutya kwezilwanyna, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana., njengoko ebona kufanelekile.
g Ngokubhekiselela kuthintelo olunxulumene namayeza ezo limo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, zinokuba nezakhi mzimba ezingaphelelanga, nokulungelelanisa apho izinto ezigciniweyo, ezibulala izifo, okanye naziphina ezikhoyo;
h ngokubhekiselela kubuninzi nomthamo ofunekayo nomxube wenkonxa eziza kupakisha amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, nendlela aza kupakishwa ngayo kwezo nkonxa zinjalo, nendlela ezo nkonxa eziza kutywinwa ngayo zize zifakwe ileyibhile okanye ziphawulwe, zize zivele neenkcukacha zazo kwi leyibhile nasezinkonxeni;
j ngokubhekiselele kwindlela yokubulala izifo, okanye yokunyanga nendlela yokuhlola amacandelo okubulala izifo zamajelo ezilwanyana, itela yeenkukhu, okanye izinto ezisetyenziswa xa kusenziwa, kuxutywa amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana k ngokubhekiselele kwiimfuno ezihambelana naso nasiphi na isakhiwo, nomsebenzi oza kulandelwa xa kusenziwa nasiphi na isakhiwo, nokugcinwa kweerekhodi nolwazi nokusebenza kwaso nasiphi na isakhiwo;
l ngokubhekiselele kwiirekhodi ezi zakugcinwa zize nezo zibuyiswayo zibuyiswe ngabantu ababhalisiweyo m ngokubhekiselele kwiirekhodi ezi zakugcinwa zize nezo zibuyiswayo zibuyiswe ngabantu ababhalisiweyo abasebenza ngokuthintela izinambuzane;
n ukunqanda ukusetyenziswa kakubi kwamayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana okanye ukuphathwa phathwa kweenkonxa;
o ngokubhekiselela kwiindlela zokuqesha, imali emazibhatalwe, nokukhutshwa kwezatifikethi, emva koviwo, nokuthathwa kocalulo okanye uvavanyo lweesampulu ngaphantsi kwalo mThetho;
p okanye ukunqanda ukusetyenziswa kobuxoki, okanye iingxelo ezilahlekisayo, kupapasho lwamayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amancedo/amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana neminye imibandela ebhekiselele apha.
q kufunwe umntu othe okanye onawo okanye phantsi kolawulo lwakhe akwazi ukugcina iirekhodi zamayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyna ezifuyiweyo, okanye amayeza/ amancedo asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana, ngokwendlea emiselweyo, aze abuyise ezo zimele ukubuyiswa ngokwendlela nexesha elimiselweyo;
r athintele ukulahlwa, ukufunyanwa, okanye ukusetyenziswa kokutya kwezilwanyana okanye ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo njengezichumiso;
s athintele ukulahlwa, ukufunyanwa, okanye ukusetyenziswa kwazo naziphi na izichumiso njengokutya kwezilwanyana, okanye ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo;
t ngokubhekiselela kwenye indlela neziqulatho zezikhokelo ezibekwe phantsi ngumntu ogcina iincwadi zerejista;
u ngokubhekiselela kubuncinane bamanqanaba umntu okanye isakhiwo aza kulandelwa ukwenzela ukukwazi ukuthengisa, ukwenza, ukukhupha, ukwenza afumaneke amayeza ezolimo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, okanye amayeza asetyenziswa ngoogqirha bezilwanyana; kwakhona v ngokubhekiselele kuwo nawuphi na omnye umbandela ongaphantsi kwalo mThetho uza kuthi umiselwe, ukulungiselela ukuhamba kakuhle kweembono neenjongo zalo mThetho.
Kungenziwa Imimiselo eyahlukeneyo ngaphantsi kweli candela ngokumalunga neendidi eza hlukeneyo okanye iintlobo zamayeza ezo limo, ukutya kwezilwanyana, izichumiso, ukutya kwezilwanyana ezifuyiweyo, kwakhona nokumalunga neendidi eza hlukeneyo zeza khiwo, neentlobo eza hlukeneyo okanye amaqela abantu
Nawuphi na umgaqo owenziwe ngaphantsi kweli candela ungamisela izohlwayo nakokuphi na ukwaphulwa komThetho okanye ukungakwazi ukuthobela, kodwa isohlwayo singagqithi kubuninzi obuxelwe kwicandelo 24.
Ukwaphulelwa kumatyala
Ngaphandle kwalapho kuchazwe khona kulo mThetho, akukho mbuyekezo iza kuhlawulwa ngurhulumente, ngumPhathiswa, okanye umntu ogcina iincwadi zerejista ngokumalunga nayiphi na into eyenziwe ngomoya omhle ngaphantsi kwalo mThetho.
Amakhwiniba /Amadlala akhoyo kwimo yoxwebhu
Amadlala akhoyo kubume balo naliphi na ixwebhu ekuthe ngokwemigaqo yawo nawuphi na umThetho kwafuneka lwenziwe ngokwendlela ethile, okanye kuxwebhu olukhutshwe ngokwemigaqo yalo mThetho, alwenzi lawulo lungabikho mthethweni ngokwemigaqo yalo mThetho ngokumalunga nombandela wexwebhu olubhekisa kulo, alwenzi ndlela yenkqubo zasemthethweni ezinokuthathwa kuloo mbandela ukuba uxwebhu olo luvumelana kakhulu neemfuno ezifunekayo zomThetho.
Ukuguzulwa kwemithetho namalungiselelo enguqu
 Ngokulawulwa ngamalungiselelo ecandelwana , imithetho echazwe kumqolo wesibini yeShedyuli iyaguzulwa.
Nawuphi na ummiselo okanye iskimu esenziwe okanye nayiphi na enye into eyenziwe ngaphantsi kwelungiselelo leziChumiso, ukutya kwaseFama, nomThetho wokuNyanga iMfuyo, wowe- 1947 umThetho no. 36 wowe- 1947 obuye wasebenza ngoko nangoko phambi kokusebenza kwalo mThetho, uza kuthathwa ngokuba ubuwenziwe okanye wenziwe phantsi kweli lungiselelo lalo mThetho.
Isihloko esifutshane
Lo mThetho uza kubizwa umThetho woPhuhliso wemVeliso yeZolimo, wowe- 2003 kwaye uza kusebenza ngomhla obekwe nguPrezidanti ngesihlokomiso kwiGazethi.
ISHEDYULI
IMITHETHO IYARHOXISWA
Icandelo 32
Isihloko esifutshane
Izichumiso, Ukutya kwaseFama, umThetho wamancedo/wamayeza ezoLimo, nowokuLungisa Amayeza eMfuyo
Izichumiso, Ukutya kwaseFama, umThetho weMbewu nokuLungiswa kwaMayeza
Izichumiso, Ukutya kwaseFama, umThetho wokuLungiswa kwaMayeza
Izichumiso, Ukutya kwaseFama, umThetho wokuLungiswa kweZolimo, nowokuLungisa Amayeza eMfuyo
Izichumiso, Ukutya kwaseFama, umThetho waMayeza ezoLimo, nokuLungiswa Amayeza ezeMfuyo
Izichumiso, Ukutya kwaseFama, umThetho waMayeza ezoLimo nokuLungiswa kwaMayeza eMfuyo.
